Xhosa Bible: Titus1:1 UPawulos, umkhonzi kathixo, umpostile ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo; 1:2 ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade, 1:3 walibonakalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha angawalo, ngokuvakalisa endakuphathiswayo mna, ngokommiselo woMsindisi wethu uThixo: 1:4 kuTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakuYesu Kristu, uMsindisi wethu. 1:5 Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna: 1:6 ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu. 1:7 Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi. 1:8 Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa; 1:9 ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo. 1:10 Kuba baninzi abathethi bezinto ezingento nabakhohlisi, abaswele intobeko, ngokukodwa abo bolwaluko, 1:11 abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi. 1:12 Wathi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amadla-kudla angasebenziyo. 1:13 Obo bungqina buyinene. Ngenxa yeli thuba bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni; 1:14 banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso. 1:15 Izinto zonke zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo. 1:16 Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka. 2:1 Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo; 2:2 ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni; 2:3 ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle; 2:4 ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo, 2:5 babe nesidima, babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa. 2:6 Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima. 2:7 Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle; 2:8 emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani. 2:9 Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki; angashinti; 2:10 asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke. 2:11 Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo; 2:12 lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku; 2:13 silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu, 2:14 owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle. 2:15 Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo. 3:1 Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo. 3:2 Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke. 3:3 Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana. 3:4 Kodwa kuthe kwakubonakala ububele bukaThixo, uMsindisi wethu, nokuthanda kwakhe abantu, 3:5 kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele; 3:6 awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu; 3:7 ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba. 3:8 Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu. 3:9 Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto. 3:10 Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale; 3:11 usazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; uyona, ezigwebile ngokwakhe. 3:12 Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho. 3:13 UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, baxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto. 3:14 Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo. 3:15 Bayakubulisa bonke abanam. Babulise abo basithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen. |