>
Xhosa Bible: Philemon1:1 UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi, 1:2 noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho; 1:3 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu. 1:4 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam, 1:5 ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele, 1:6 ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu. 1:7 Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana. 1:8 Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo, 1:9 noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu. 1:10 Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni; 1:11 obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. 1:12 Lowo ndimbuyisele kuwe; wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam; 1:13 ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi; 1:14 kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma. 1:15 Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade; 1:16 engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi? 1:17 Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam. 1:18 Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum. 1:19 Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho. 1:20 Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini. 1:21 Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba uya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo. 1:22 Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa. 1:23 Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu, 1:24 kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam. 1:25 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen. |