Xhosa Bible: Colossians1:1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, 1:2 ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 1:3 Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo, 1:4 sivile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, 1:5 ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo; 1:6 zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenya, niso. 1:7 njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintanda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu; 1:8 owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni. 1:9 Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; 1:10 ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; 1:11 nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; 1:12 nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni; 1:13 owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe, 1:14 esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko. 1:15 Ungumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. 1:16 Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. 1:17 Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye. 1:18 Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke. 1:19 Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye, 1:20 nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini. 1:21 Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe, 1:22 ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe; 1:23 ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos. 1:24 Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; 1:25 endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo, 1:26 kwaimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe, 1:27 awathandayo uThixo ukubazisa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga, obunguKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko. 1:28 Sazisa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko, ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; 1:29 endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla. 2:1 Kuba ndithanda ukuba nikwazi ukuba kukhulu kwako ukuzama endikuzamayo ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo bonke abangabubonanga ubuso bam ngokwenyama; 2:2 ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise, nekaKristu, 2:3 ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi. 2:4 Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo. 2:5 Kuba nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu. 2:6 Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye, nendele nakhelwe kuye, 2:7 naqiniswa ngokholo, njengoko nafundiswayo nafezeka kulo, ninombulelo. 2:8 Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu. 2:9 Ngokuba kuhleli kuye konke ukuzaliseka kobuThixo ngokomzimba; 2:10 kanjalo nigqibelele kuye, oyintloko yabo bonke ubulawuli negunya; 2:11 enathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu; 2:12 ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo. 2:13 Nani, nifile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso. 2:14 Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni; 2:15 ebabhunyule obalawuli nomagunya, wabenza isibonelo ekuhleni, ememelela ngabo ekuwo umnqamlezo. 2:16 Makungabikho mntu ngoko unigwebayo ngento edliwayo, nangento eselwayo, nangendawo yomthendeleko, nangenyanga ethwasileyo, nangeesabatha; 2:17 ezisisithunzi sezinto eziza kuza; ke sona isiqu sesikaKristu. 2:18 Makungabikho namnye unilahlekanisa nomvuzo wenu, ethanda ukwenjenjalo ngokuthobeka kwentliziyo, nangokunqula izithunywa zezulu, engena ezintweni angazibonanga, efumana wakhukhumaliswa yiyo ingqiqo yenyama yakhe, 2:19 engabambe yona iNtloko, ekuphuma kuyo ukuthi umzimba wonke ukhule ngokukhulisa kukaThixo, uncedwa, ubandakanywa ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu nemisipha. 2:20 Ukuba ngoko nafa noKristu, nakhululeka kuzo iziqalelo zehlabathi, yini na ukuba ninge nisadla ubomi ngokwabehlabathi, nimiselwe imimiselo 2:21 (eyokuthi, Musa ukuphatha, musa ukungcamla, musa ukuchukumisa, 2:22 kanti zonke ezi zinto zezonakaliswa kukudliwa), nenze ngokwemithetho neemfundiso zabantu? 2:23 Okunene zizinto ezo ezidunyelwe bubulumko ngokunqula okuzithandelayo, nangokuthobeka kwentliziyo, nangokubandezela umzimba, kodwa kungengambeko yanelisa inyama. 3:1 Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. 3:2 Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. 3:3 Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. 3:4 Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. 3:5 Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; 3:6 eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; 3:7 enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo. 3:8 Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. 3:9 Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, 3:10 nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; 3:11 apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke. 3:12 Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, 3:13 ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. 3:14 Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. 3:15 Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. 3:16 Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. 3:17 Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise. 3:18 Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini. 3:19 Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo. 3:20 Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi. 3:21 Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo. 3:22 Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo. 3:23 Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; 3:24 nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu. 3:25 Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu. 4:1 Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini. 4:2 Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo; 4:3 kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo; 4:4 ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako. 4:5 Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli. 4:6 Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye. 4:7 Izinto zonke ezilunge nam wonazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini; 4:8 endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu; 4:9 kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ongomnye wenu. Bonazisa izinto zonke zalapha. 4:10 Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni; 4:11 noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum. 4:12 Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo. 4:13 Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli. 4:14 Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas. 4:15 Bulisani kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe. 4:16 Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike. 4:17 Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise. 4:18 Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Yikhumbuleni imixokelelwane yam. Ubabalo malube nani. Amen. | ,/tr>