Xhosa Bible: 1 Thessalonians1:1 UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu, Kristu; bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 1:2 Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu; 1:3 singayeki ukuwukhumbula umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nokunyamezela kwenu kokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu; 1:4 sikwazi, bazalwana bathandiweyo nguThixo, ukunyulwa kwenu. 1:5 Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu. 1:6 Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele; 1:7 nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya. 1:8 Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto. 1:9 Kuba bona ngokwabo baxela ngathi, ukuba kwakunjani na ukungena kwethu kuni, nokokuba nathini na ukuguqukela kuThixo, niphuma kuzo izithixo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo oyinyaniso, 1:10 nilinde uNyana wakhe evela emazulwini, awamvusayo kwabafileyo, kwauYesu, osihlangulayo kuyo ingqumbo ezayo. 2:1 Kuba nikwazi ngokwenu, bazalwana, ukuba ukungena kwethu kuni akulambathanga; 2:2 sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu. 2:3 Kuba uvuselelo lwethu aluphumi kulahlekiseni, lungaphumi nasekungcoleni, lungekhona nasenkohlisweni. 2:4 Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu. 2:5 Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina; 2:6 singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu. 2:7 Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana; 2:8 ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi. 2:9 Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni. 2:10 Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo; 2:11 kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe, siniyala, sinikhuza, siniqononondisa, 2:12 ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli. 2:13 Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo. 2:14 Kuba nina, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; ngokuba neva kwaobo bunzima nani ngabesizwe sakowenu, babuvayo nabo ngokwabo kuwe amaYuda; 2:15 wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi, engamkholosi uThixo, echasene nabantu bonke; 2:16 esalela thina ukuba sithethe kuzo iintlanga, ukuze zisindiswe, esenzela ukuba azalise izono zawo ngamaxesha onke. Iwafikele ke ingqumbo, kwada kwasekupheleni. 2:17 Thina ke, bazalwana, sanihluthwayo nje ixesha elifutshane ngesiqu, kungengantliziyo, sakhuthalela ngokugqithiseleyo ukububona ubuso benu, sinqwena kakhulu. 2:18 Kungoko sathandayo ukuza kuni, mna Pawulos lo, kwakanye nakabini; wesuka uSathana wasibambezela. 2:19 Kuba liyintoni na ithemba lethu, novuyo lwethu, nesithsaba sethu soqhayiso? Asinini aba na, phambi kweNkosi yethu uYesu Kristu ekufikeni kwayo? 2:20 Inene, nini uzuko novuyo lwethu. 3:1 Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa. 3:2 Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu, 3:3 kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona. 3:4 Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi. 3:5 Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifuma ne sabulaleka. 3:6 Ngoku ke uTimoti, efikile nje kuthi evela kuni, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu; nokuba nihlala ninokusikhumbula okuhle, nilangazelela ukusibona, kwanjengokuba nathi silangazelela ukunibona. 3:7 Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu; 3:8 ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini. 3:9 Kuba singambuyekeza ngambulelo mni na uThixo ngani, kulo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu phambi koThixo wethu, 3:10 ubusuku nemini sikhunga ngokugqithiseleyo kakhulu, ukuba sibubone ubuso benu, sikuzalise ukusilela kokholo lwenu? 3:11 Wanga ke uThixo ngokwakhe, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, angayilungisa indlela yethu yokuza kuni. 3:12 Yanga ke iNkosi inganandisa, inityebise eluthandweni, omnye komnye nakubo bonke, kwanjengokuba nathi sisenjenjalo kuni; 3:13 ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo. 4:1 Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. 4:2 Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu. 4:3 Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; 4:4 ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; 4:5 angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; 4:6 ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. 4:7 Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. 4:8 Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele. 4:9 Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane; 4:10 kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi; 4:11 nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo; 4:12 ukuze nihambe ngokuzibekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto. 4:13 Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. 4:14 Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye. 4:15 Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa. 4:16 Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; 4:17 sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi. 4:18 Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi. 5:1 Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; 5:2 kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. 5:3 Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde. 5:4 Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. 5:5 Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama. 5:6 Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. 5:7 Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. 5:8 Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. 5:9 Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; 5:10 owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye. 5:11 Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo. 5:12 Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, 5:13 nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu. 5:14 Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke. 5:15 Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke. 5:16 Hlalani nivuya. 5:17 Thandazani ningayeki. 5:18 Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. 5:19 UMoya musani ukumcima. 5:20 Iziprofeto musani ukuzenza into engento. 5:21 Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. 5:22 Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. 5:23 Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. 5:24 Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko. 5:25 Bazalwana, sithandazeleni. 5:26 Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele. 5:27 Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele. 5:28 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen. |