Xhosa Bible: 2 Timothy1:1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, 1:2 ubhalela uTimoti, umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu. 1:3 Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini; 1:4 ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo; 1:5 ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe. 1:6 Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho. 1:7 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima. 1:8 Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; 1:9 owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; 1:10 lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi; 1:11 endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga; 1:12 endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini. 1:13 Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu. 1:14 Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu. 1:15 Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene. 1:16 Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. 1:17 Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. 1:18 Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese. 2:1 Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu; 2:2 uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye. 2:3 Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu. 2:4 Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi. 2:5 Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho. 2:6 Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo. 2:7 Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke. 2:8 Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo; 2:9 endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. 2:10 Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. 2:11 Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; 2:12 ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela; 2:13 ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza. 2:14 Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. 2:15 Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. 2:16 Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. 2:17 Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, 2:18 abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye. 2:19 Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu. 2:20 Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. 2:21 Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. 2:22 Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. 2:23 Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. 2:24 Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, 2:25 ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, 2:26 babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye. 3:1 Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. 3:2 Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, 3:3 abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, 3:4 abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; 3:5 benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka. 3:6 Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko, 3:7 behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso. 3:8 Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo. 3:9 Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya. 3:10 Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo, 3:11 iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke. 3:12 Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa. 3:13 Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa. 3:14 Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye; 3:15 nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. 3:16 Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, 3:17 ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo. 4:1 Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe: 4:2 livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa. 4:3 Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; 4:4 babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi. 4:5 Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho. 4:6 Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. 4:7 Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. 4:8 Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo. 4:9 Khawuleza uze kum kamsinya; 4:10 kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati. 4:11 NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela. 4:12 Ke uTikiko ndamthumela e-Efese. 4:13 Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu. 4:14 UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe. 4:15 Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu. 4:16 Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko. 4:17 Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama. 4:18 Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 4:19 Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo. 4:20 UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa. 4:21 Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke. 4:22 INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen. |