Xhosa Bible: 2 John1:1 Indoda enkulu ibhalela inkosikazi enyuliweyo nabantwana bayo, endibathandayo mna ngenyaniso; ingendim ndedwa, ingabo bonke abayazileyo inyaniso; 1:2 ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, eya kuba nathi ngonaphakade: 1:3 ithi, Makubekho kuni ubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakwiNkosi yethu uYesu Kristu, uNyana kaYise, kuni basenyanisweni naseluthandweni. 1:4 Ndavuya kunene kuba ndifumene kubantwana bakho kukho abahamba enyanisweni, njengoko samkelayo umthetho kuye uYise. 1:5 Nangoku ndiyakucela, nkosikazi, kungengakuba ndikubhalela umthetho omtsha; ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqalekeni: ukuba sithandane. 1:6 Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. 1:7 Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. 1:8 Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. 1:9 Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. 1:10 Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; 1:11 kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo. 1:12 Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke. 1:13 Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen. |