Xhosa Bible: 3 John1:1 Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso: ithi, 1:2 Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho. 1:3 Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni. 1:4 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni. 1:5 Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini, 1:6 abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha; 1:7 kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga. 1:8 Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso. 1:9 Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli. 1:10 Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni. 1:11 Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo. 1:12 UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene. 1:13 Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba; 1:14 ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Ziyakubulisa izihlobo. Zibulise izihlobo ngegama. Amen. |