Xhosa Bible: 1 John1:1 Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi 1:2 (obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi): 1:3 oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu. 1:4 Ezo zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. 1:5 Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. 1:6 Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; 1:7 ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. 1:8 Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. 1:9 Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. 1:10 Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi. 2:1 Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa. 2:2 Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela. 2:3 Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. 2:4 Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. 2:5 Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye. 2:6 Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye. 2:7 Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni. 2:8 Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala. 2:9 Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku. 2:10 Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akanasikhubekiso. 2:11 Ke lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe. 2:12 Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe. 2:13 Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo. Ndiyanibhalela, bantwana, ngokuba nimazile uYise. 2:14 Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo. 2:15 Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye. 2:16 Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. 2:17 Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade. 2:18 Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, ekuthe ngoko sazi ukuba lilixa lokugqibela. 2:19 Baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu. 2:20 Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke. 2:21 Andinibhalelanga ngakuba ningayazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni. 2:22 Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana. 2:23 Bonke abamkhanyelayo uNyana, abanaye noYise. 2:24 Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise. 2:25 Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade. 2:26 Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo. 2:27 Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye. 2:28 Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye, ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe. 2:29 Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye. 3:1 Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. 3:2 Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo. 3:3 Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu. 3:4 Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho. 3:5 Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye. 3:6 Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi. 3:7 Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa. 3:8 Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wone kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi. 3:9 Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo. 3:10 Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. 3:11 Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane; 3:12 singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa. 3:13 Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile. 3:14 Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni. 3:15 Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso. 3:16 Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu. 3:17 Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe? 3:18 Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso. 3:19 Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe. 3:20 Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke. 3:21 Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo; 3:22 nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe. 3:23 Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho. 3:24 Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo. 4:1 Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini. 4:2 Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo; 4:3 nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini. 4:4 Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini. 4:5 Bona ngabehlabathi; ngenxa yoko bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke. 4:6 Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso. 4:7 Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. 4:8 Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando. 4:9 Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye. 4:10 Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu. 4:11 Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana. 4:12 Akukho namnye owakha wambona uThixo; ukuba sithi sithandane, uThixo uhleli kuthi, nothando lwakhe lugqibelele ngaphakathi kwethu. 4:13 Sazi ngale nto ukuba sihleli kuye, naye uhleli kuthi; ngokuba usinike okoMoya wakhe. 4:14 Sibonile thina, siyangqina, ukuba uYise umthumile uNyana ukuba nguMsindisi wehlabathi. 4:15 Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo. 4:16 Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo. UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye. 4:17 Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi. 4:18 Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni. 4:19 Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala. 4:20 Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga? 4:21 Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe. 5:1 Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye. 5:2 Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe. 5:3 Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe. 5:4 Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. 5:5 Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo? 5:6 Lowo ngulo wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; engenawo amanzi odwa, enawo amanzi, enalo igazi. UMoya ke ungulo ungqinayo, ngokuba uMoya uyiyo inyaniso. 5:7 Ngokuba bathathu abo bangqinayo emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye. 5:8 Bathathu abo bangqinayo emhlabeni : uMoya, namanzi, negazi; aba bathathu basingise ntweni-nye. 5:9 Ukuba ubungqina babantu siyabamkela, ubungqina bukaThixo bungaphezulu; ngokuba bubo obu ubungqina bukaThixo, angqinele uNyana wakhe ngabo. 5:10 Lowo ukholwayo kuye uNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; lowo ungakholwayo nguye uThixo umenze ixoki, ngokuba engakholwanga bubo ubungqina abungqinele uNyana wakhe uThixo. 5:11 Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. 5:12 Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi. 5:13 Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo. 5:14 Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva. 5:15 Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye. 5:16 Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho sona sisingisa ekufeni; anditsho ukuthi makacelele sona. 5:17 Konke ukungalungisi sisono; kukho sono singasingisi khona ekufeni. 5:18 Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; usuke athi lowo wazalwayo nguThixo azigcine, aze ongendawo angamchukumisi. 5:19 Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo. 5:20 Ke siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Kristu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade. 5:21 Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen. |