Xhosa Bible: 1 Peter1:1 UPetros, umpostile kaYesu Kristu, ubhalela abanyuliweyo abangabaphambukeli kwiintsali ezikwelasePonto, kwelaseGalati, kwelaseKapadoki, kwelaseAsiya, nakwelaseBhitini, 1:2 abanyuliweyo ngokokwazi kwenxa engaphambili kukaThixo uYise, ebungcweleni boMoya, kuse ekululameleni nasekufefweni kwegazi likaYesu Kristu: uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo. 1:3 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo; 1:4 sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini, 1:5 nina bathe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela. 1:6 Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo; 1:7 ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu. 1:8 Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo; 1:9 nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu. 1:10 Usindiso abathe babuzisa, baphengulula kunene ngalo abaprofeti, ababeprofeta ngalo ubabalo olwamiselwa nina; 1:11 bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela. 1:12 Abatyhilelwayo ukuba abazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke, izinto enizityelweyo ngoku ngabo banishumayezayo iindaba ezilungileyo ngoMoya oyiNgcwele, owathunywa evela emazulwini; izinto ke ezo ezizinqwenelayo izithunywa zezulu ukuqondela kuzo. 1:13 Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu; 1:14 ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu; 1:15 nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. 1:16 Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna. 1:17 Kanjalo, ukuba nimnqula ngokoYihlo, lowo ugweba ngokowalowo umsebenzi, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha nizoyikela; 1:18 nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinakonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo. 1:19 Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenabala; 1:20 owaziwayo ngenxa engaphambili okunene, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, kodwa wabonakalaliswa ekugqibeleni kwamaxesha la ngenxa yenu, nina nikholwayo ngaye kuThixo, 1:21 owamvusayo kwabafileyo, wamzukisa, ngokokuze ukholo lwenu nethemba lenu libe kuThixo. 1:22 Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo; 1:23 nizelwe nje ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala, kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade. 1:24 Ngenxa enokuba Yonke inyama injengengca, Nabo bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca. Ingca iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo; 1:25 Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo. 2:1 Ngoko, nilulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, walangazeleleni, 2:2 ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo; 2:3 ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele. 2:4 Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile: 2:5 nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. 2:6 Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. 2:7 Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo, 2:8 Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona. 2:9 Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; 2:10 enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. 2:11 Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. 2:12 Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. 2:13 Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; 2:14 nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. 2:15 Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda; 2:16 nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakathixo. 2:17 Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni. 2:18 Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. 2:19 Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. 2:20 Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo. 2:21 Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: 2:22 ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; 2:23 obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa; 2:24 owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. 2:25 Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu. 3:1 Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke; 3:2 ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko. 3:3 Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; 3:4 makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo. 3:5 Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda; 3:6 njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nakuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo. 3:7 Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki. 3:8 Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele. 3:9 Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo. 3:10 Kuba Lowo unga angathanda ubomi, Ayibone imihla elungileyo, Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini, Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso; 3:11 Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; Makafune uxolo, aluphuthume. 3:12 Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi. 3:13 Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo? 3:14 Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka. 3:15 INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko; 3:16 ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu. 3:17 Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi. 3:18 Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya. 3:19 Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni, 3:20 ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi. 3:21 Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu; 3:22 osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla. 4:1 Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni; 4:2 ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo. 4:3 Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni; 4:4 abathe nqa ngako ukuba ningabaleki kunye nabo, ukuya kwakuwo loo melelo wokuzibhubhisa, benyelisa; 4:5 abaya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo. 4:6 Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe okunene ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya. 4:7 Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze. 4:8 Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono. 4:9 Bukanani, ningenakukrokra. 4:10 Yithini elowo, njengoko wasamkelayo isipho sokubabalwa, nilungiselelane ngaso, njengamagosa amahle obabalo ngobabalo lukaThixo. 4:11 Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 4:12 Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. 4:13 Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba. 4:14 Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa. 4:15 Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto angatheni nazo. 4:16 Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo. 4:17 Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo? 4:18 Kanjalo ukuba nelungisa eli lisindiswa ngenkankulu, ongahloneli Thixo nongumoni woba phi na? 4:19 Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo. 5:1 Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka. 5:2 Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela; 5:3 kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi. 5:4 Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo. 5:5 Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo. 5:6 Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo. 5:7 Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele. 5:8 Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 5:9 mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini. 5:10 Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele. 5:11 Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 5:12 NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo. 5:13 Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; noMarko unyana wam uyabulisa. 5:14 Bulisanani ngolwango lothando. Uxolo malube kuni nonke enikuKristu. Amen. |